1 Yookumkani 4:23-34 Ibhayibhile (XHO96)

23. ishumi leenkabi zeenkomo ezityetyisiweyo, namashumi amabini eenkomo ezondliwa emadlelweni; ikhulu leegusha, ngaphandle kwamanxala namabhadi namanqa neenkuku zodidi.

24. Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke.

25. Ngexesha likaSolomon uJuda noSirayeli xa ewonke, ukusuka kwaDan kuye kuthi xhaxhe ngeBheshebha, wayehleli ekhuselekile, umntu ngamnye enesidiliya namakhiwane.

26. USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe.

27. Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo.

28. Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.

29. UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni.

30. Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa.

31. Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo.

32. Wenza izafobe ezingamawaka amathathu; waqamba iingoma eziliwaka elinesihlanu.

33. Imithi nezityalo wayichaza, esusela kumsedare waseLebhanon, waya kuthi xhaxhe ngehisophu enaba ezindongeni. Wafundisa nangezilwanyana, iintaka, nezilo ezirhubuluzayo, kwaneentlanzi.

34. Ewe, kuSolomon kwakusiza abantu beentlanga zonke, bethunyelwa zizikumkani zehlabathi liphela, ukuze baziphulaphulele ubulumko bakhe obabungundaba-mlonyeni.

1 Yookumkani 4