1 Yookumkani 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSolomon wayelawula uSirayeli ewonke jikelele.

2. Nazi izinxiba-mxhaka zakhe:UAzariya unyana kaZadoki – umbingeleli;

3. uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;

4. uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;

5. uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;

6. uAhisha – umaqhuzu wasebhotwe;uAdoniram unyana ka-Abheda – induna-nkulu yabasebenzi abasebenza ngokunyanzelwa.

7. USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa.

1 Yookumkani 4