Ke kaloku lo mfazi yayingowakhe umntwana ophilayo wasikwa yinimba, wathi kukumkani: “Ndincede, mhlekazi, musa ukumbulala! Ndaweni yaloo nto mnike lo mfazi lo mntwana uphilayo!”Ke yena omnye lo umfazi wathi: “Ewe, kungcono singamfumani sobabini; mahlule kubini!”