1 Yookumkani 22:29-43 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi.

30. Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.

31. Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe ezingamashumi amathathu anambini, wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”

32. Zithe ke iingwayi-ngwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Ngenene, nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala,

33. zaza iingqwayi-ngqwayi ezo zaqonda ukuba akunguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.

34. Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”

35. Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa.

36. Kwathi xa lithi ndithenge, kwavakala umyalelo kwalapho emkhosini usithi: “Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!”

37. Waba ke ngaloo ndlela ukumkani wakwaSirayeli uyafa. Waza ke wasiwa eSamariya, wangcwatyelwa khona.

38. Loo nqwelo wayekuyo yahlanjwa kwichibi elithile apho eSamariya (kwelo chibi ke kwakuhlambela kulo amahenyukazi). Ke zona izinja zalixhapha elo gazi lakhe ngokwelizwi awayelithethile uNdikhoyo.

39. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahabhi nezenzo zakhe, nelo bhotwe walakhayo walihombisa ngamabamba eendlovu, kunye nezixeko awazinqabisayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

40. UAhabhi waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uAhaziya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

41. Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli.

42. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu nantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.

43. Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso.

1 Yookumkani 22