3. UNabhoti waphendula wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, nakanye ukuba ndikunike ilifa loobawo!”
4. Ngoko ke uAhabhi wagoduka equmbe esisifu kuba uNabhoti waseYizereli ethe: “Andinako ukukunika ilifa loobawo.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, wafulathela, engafuni nokutya oku.
5. Umkakhe uJezebhele waya kuye, wathi: “Uqumbele ntoni, sewungasafuni nokutya oku nje?”
6. Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”
7. Umkakhe uJezebhele wathi kuye: “Asinguwe na olawulayo kwaSirayeli? Suka, wethu, phakama udle! Khululeka wonwabe! Mna ndiza kukulungiselela, usifumane esiya sidiliya sikaNabhoti waseYizereli.”