39. Uthe xa adlulayo ke ukumkani, umshumayeli lowo wamemeza wathi: “Mhlekazi, ndithe ndiphakathi emsini kwelaa dabi, suka ijoni elithile lezisa umthinjwa kum, lathi: ‘Yalusa lo mntu. Ukuba ukhe waphuncula wemka, uya kuhlawula ngobomi bakho, kungenjalo ke ibe ngumdliwo wamawaka amathathu eesiliva.’
40. Kambe ke ndisuke ndasisinxada-nxada, ndisenza le naleya: tyhini phi! Walahleka umntu!”Ukumkani wakwaSirayeli waphendula wathi: “Eso ke sisigwebo sakho, uzigwebe ngomlomo wakho.”
41. Wakhawuleza ke umshumayeli lowo wayisusa iqhiya awayezithandele ngayo ebusweni, waza ke ukumkani wamqonda ukuba ungomnye wabashumayeli.
42. Wabhekisa kukumkani ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena ukhulule umfo ebendimmisele ukuba atshabalale. Ngoko ke umsindisile nje ke yena, akusayi kusinda wena, ngokunjalo nabantu bakho.’ ”
43. Wemka ke ukumkani wakwaSirayeli, waya ebhotwe eSamariya, equmbe esisifu.