1 Yookumkani 20:33-43 Ibhayibhile (XHO96)

33. Loo madoda ke aphawula ukuba loo mpendulo ibonakalisa ubuhlobo, aza akhawuleza athi: “Ewe, umntakwenu uBhenadadi!”Ukumkani ke wathi: “Hambani nize naye!”Weza ke uBhenadadi, waza uAhabhi wamkhwelisa enqwelweni yakhe.

34. UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.

35. Ngomlomo *kaNdikhoyo omnye *wabashumayeli wathetha neqabane lakhe, wathi: “Khawundigwaze!” Kambe ke akavumanga ugxa wakhe lowo.

36. Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.

37. Umshumayeli lowo wadibana nomnye umfo, waza wathi kuye: “Khawundigwaze.” Wamgwaza ke wamlimaza.

38. Loo mshumayeli ke wahamba wema ecaleni lendlela, elinde ukumkani. Umshumayeli lowo ke wazibopha intloko nobuso ngeqhiya, kwavela amehlo kuphela, esenzela ukuba angaziwa.

39. Uthe xa adlulayo ke ukumkani, umshumayeli lowo wamemeza wathi: “Mhlekazi, ndithe ndiphakathi emsini kwelaa dabi, suka ijoni elithile lezisa umthinjwa kum, lathi: ‘Yalusa lo mntu. Ukuba ukhe waphuncula wemka, uya kuhlawula ngobomi bakho, kungenjalo ke ibe ngumdliwo wamawaka amathathu eesiliva.’

40. Kambe ke ndisuke ndasisinxada-nxada, ndisenza le naleya: tyhini phi! Walahleka umntu!”Ukumkani wakwaSirayeli waphendula wathi: “Eso ke sisigwebo sakho, uzigwebe ngomlomo wakho.”

41. Wakhawuleza ke umshumayeli lowo wayisusa iqhiya awayezithandele ngayo ebusweni, waza ke ukumkani wamqonda ukuba ungomnye wabashumayeli.

42. Wabhekisa kukumkani ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena ukhulule umfo ebendimmisele ukuba atshabalale. Ngoko ke umsindisile nje ke yena, akusayi kusinda wena, ngokunjalo nabantu bakho.’ ”

43. Wemka ke ukumkani wakwaSirayeli, waya ebhotwe eSamariya, equmbe esisifu.

1 Yookumkani 20