1 Yookumkani 20:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Uphindile ke uBhenadadi wathumela olunye udaba kwalapho kuAhabhi, esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ngaba eSamariya apho kuthe kwashiyeka uthuli olwaneleyo ukuze ijoni lam ngalinye libe nokulufumbatha ngesandla.”

11. Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mxeleleni nithi: ‘Umntu osabhinqa ikrele akafanele kuziqhayisa njengalowo uselelikhulula.’ ”

12. Olu daba lwamfikela uBhenadadi xa kanye yena nezo zikumkani babesela ezintenteni zabo. Ngoko nangoko wayalela umkhosi wakhe, wathi: “Kuf' ayayo, mawethu!” Baxhoba ke ukuze basihlasele isixeko eso.

13. Ke kaloku ukumkani uAhabhi wakwaSirayeli wafikelwa *ngumshumayeli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyayibona le nyambalala yomkhosi? Ewe, kanye namhlanje ndiza kuwunikela esandleni sakho, ukuze uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.’ ”

14. Ke yena uAhabhi wathi: “Ngubani kodwa oya kuyenza loo nto?”Umshumayeli ke lowo wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Abafana bamabutho aphantsi kweenjengele zamaphondo ngabo abaza kuyenza le nto.’ ”UAhabhi wathi: “Ngubani oya kuqala ahlasele?”Umshumayeli lowo waphendula esithi: “Nguwe!”

15. Ngoko ke uAhabhi wawabiza amajoni aselula aphantsi kweenjengele zamaphondo. Ayengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amathathu anambini. Wawuhlanganisa emva kwawo umndilili wamaSirayeli ungabantu abamawaka asixhenxe.

16. Baphuma emini emaqanda, xa kanye uBhenadadi naloo mashumi mathathu anambini ookumkani abamncedisayo babesazihlalele ezintenteni zabo besela.

17. Amabutho aselula aphantsi kweenjengele zamaphondo akhokela.UBhenadadi wayethumele, waza waxelelwa kwathiwa: “Nako kuphuma amadoda eSamariya.”

18. UBhenadadi wayalela wathi: “Ukuba eza ngoxolo, wathatheni nize nawo; ukanti nokuba eza ngemfazwe, wabambeni nize nawo ephila.”

19. Loo majoni aphantsi kweenjengele zamaphondo angqisha aphuma apho esixekweni, umkhosi uthe bhuu emva kwawo.

20. Yaba ngulowo nalowo wageqa lowo ajongene naye. Hayi ke, kwathi bhazalala ama-Aram ebaleka. Aye wona amaSirayeli ewasukela. Ke yena uBhenadadi ukumkani wama-Aram wasaba ekhwele ihashe, wemka neqela lababakhweli-mahashe.

1 Yookumkani 20