1 Yookumkani 18:36-46 Ibhayibhile (XHO96)

36. Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe.

37. Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”

38. Ke kaloku wehla umlilo, uvela kuNdikhoyo, waza walitshisa idini elo, kunye neenkuni, amatye, nomhlaba, wada walenca naloo manzi ayesemseleni.

39. Bakuyibona ke le nto, abantu basuka baziphosa phantsi, bathi: “UNdikhoyo nguye uThixo! UNdikhoyo nguye uThixo!”

40. Ke uEliya wathi kubo: “Babambeni abashumayeli bakaBhali, kungasindi noba abe mnye!” Ngenene ke babanjwa, waza uEliya wathi makuyiwe nabo kwintili yeKishon, apho wababulalela khona.

41. Waza ke uEliya wathi kuAhabhi: “Hamba, uye kutya usele, kuba kuvakala ukundila kwemvula enkulu.”

42. Ke uAhabhi wahamba, watya wasela.Kambe ke yena uEliya wenyuka waya encotsheni yentaba iKarmele, waza wagobela emhlabeni, wafaka ubuso phakathi kwamadolo.

43. UEliya wathumela ihlakani lakhe, wathi: “Khawuhambe ukhangele ngaselwandle ukuba awuboni nto na.”Laya ke lajonga, labuya lisithi: “Hayi, akubonakali nto.”Ke uEliya lo walithuma kwada kwasixhenxe, emana esithi: “Khawuphume ujonge.”

44. Ngesihlandlo sesixhenxe ihlakani lakhe elo labuya lisithi: “Nalo ilifu elingangesandla somntu, lisithi thu elwandle.”UEliya wathi kulo: “Yiya kuxelela uAhabhi, uthi kuye: ‘Bopha inqwelo yakho ugoduke, hleze uvalelwe yimvula.’ ”

45. Kananjalo ke saxubayela isibhakabhaka, kwavela izibhaxu zamafu amnyama, kwavuthuza nomoya, yaza yagaleleka imvula, yatsho ngezantyala-ntyala; wabe ke yena uAhabhi ekhwele esendleleni egodukayo eya eYizereli.

46. UEliya ke wafikelwa ngamandla kaNdikhoyo, waza wazibhinqa ngebhanti izambatho zakhe, wabaleka wamshiya uAhabhi ukuya kufika eYizereli.

1 Yookumkani 18