1. Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam unyana kaNebhati, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,
2. waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
3. Naye wathatha ikhondo likayise, wenza kwaezo zono wayezenzile. Zange ayinikezele ngokupheleleyo intliziyo yakhe *kuNdikhoyo uThixo wakhe njengokuba yena uDavide uyise-mkhulu wenjenjalo.