1 Yeziganeko 7:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. Babenabafazi noonyana abaninzi; inzala yabo ibingamadoda angamashumi amathathu anantandathu anokungena emkhosini.

5. Ewonke amaIsakare ezindlu ngezindlu anokungena emkhosini ayengamashumi asibhozo anesixhenxe samawaka.

6. UBhenjamin wayenoonyana abathathu: uBhela, uBhekere, noYediyali.

7. UBhela wayenoonyana abahlanu abaziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti: uEzebhon, u-Uzi, u-Uziyeli, uJerimoti, noIri. Inzala yabo ibingamadoda angamashumi anambini amawaka anamashumi amathathu anane anokungena emkhosini.

8. Naba oonyana bakaBhekere: nguZemira, noYowashe, noElizere, noEliyohenayi, no-Omri, noJeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlemete.

9. Inzala yabo ngokwezindlu ibingamadoda angamashumi amabini amawaka anamakhulu amabini anokungena emkhosini.

10. UYediyali wazala uBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguJewushe, noBhenjamin, noEhude, noKenana, noZetan, noTashishe, noAhishare.

11. Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.

12. AmaShupim namaHupim yinzala kaIre, ke wona amaHushim yinzala ka-Ahere.

13. UNafetali, unyana kaYakobi nomkakhe uBhiliha, wazala uGuni, noYezere, noShalum.

14. UManase wayeneqadi elingumAramikazi elazala uAseriyeli noMakire uyise kaGiliyadi.

15. UMakire lo wathatha uMahaka udade boHupim noShupim. Omnye wenzala kaMakire nguZelofehadi owazala amantombazana kuphela.

16. Umka-Makire uMahaka wazala unyana awamthiya igama elinguPereshe. Umninawa wakhe nguShereshe, owazala u-Ulam noRakem.

17. U-Ulam lo wazala uBhedan. Yiyo leyo ke inzala kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

18. Udade boGiliyadi uHamolekete wazala uIshodi, noAbhiyezere, noMala.

1 Yeziganeko 7