27. uElishama wazala uNune, uNune wazala uYoshuwa.
28. Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona.
29. Ngasemdeni wakwaManase ibiyiBhete-shehan, iTanaki, iMegido, iDore, neelali ezizingqongileyo. Kulapho yayimi khona inzala kaJosefu unyana kaSirayeli.
30. Nantsi inzala ka-Ashere: oonyana nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, nodade wabo uSera.
31. Oonyana bakaBheriya nguHebhere noMalkiyeli owazala uBhizaviti.
32. Ke yena uHebhere wazala uYafelete, noShemere, noHotam, nodade wabo uShuwa.
33. Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimehali, noAshevati.
34. Oonyana bakaShemere nguAhi noRoga, noYehubha, noAram.
35. Oonyana bomntakwabo-Shemere uHelem nguZofa, noImna, noSheleshe, noAmali.
36. Ke bona oonyana bakaZofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra,
37. noBhezere, noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhera.
38. Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra.
39. Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRiziya.