1 Yeziganeko 7:23-35 Ibhayibhile (XHO96)

23. Emva koko umkakhe wamitha, wazala unyana, waza uEfrayim wamthiya igama elinguBheriya, kuba indlu yakhe ibihlelwe lilishwa.

24. UEfrayim wazala nentombi enguShera. UShera lo wayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, wayakha neUzen-shera.

25. UEfrayim wazala nonyana onguRefa. URefa lo wazala uReshefe, uReshefe wazala uTela, uTela wazala uTahan,

26. uTahan wazala uLadan, uLadan wazala uAmihudi, uAmihudi wazala uElishama,

27. uElishama wazala uNune, uNune wazala uYoshuwa.

28. Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona.

29. Ngasemdeni wakwaManase ibiyiBhete-shehan, iTanaki, iMegido, iDore, neelali ezizingqongileyo. Kulapho yayimi khona inzala kaJosefu unyana kaSirayeli.

30. Nantsi inzala ka-Ashere: oonyana nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, nodade wabo uSera.

31. Oonyana bakaBheriya nguHebhere noMalkiyeli owazala uBhizaviti.

32. Ke yena uHebhere wazala uYafelete, noShemere, noHotam, nodade wabo uShuwa.

33. Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimehali, noAshevati.

34. Oonyana bakaShemere nguAhi noRoga, noYehubha, noAram.

35. Oonyana bomntakwabo-Shemere uHelem nguZofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

1 Yeziganeko 7