2. URaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati, uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Zizo ezo ke izindlu zamaZora.
3. Oonyana bakaEtam nguYizereli, noIshma, noIdebhashe. Igama lodade wabo nguHazeleleponi.
4. UPenuweli, ukhokho weGedore, kunye noEzere, ukhokho weHusha, babeyinzala kaYuri, owayengamazibulo kamka-Kalebi uEfrata, ukhokho weBhetelehem.
5. UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara.
6. UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari.
7. Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan,
8. noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.
9. UYabheze wayedumile kunabantakwabo. Unina wamthiya eli gama linguYabheze esithi: “Kaloku ndimzele ngokubulaleka yintlungu yenimba.”
17-18. Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. UMerede wathatha uBhitiya, intombi yokumkani waseJiputa, baza bazala intombi enguMiriyam noonyana abanguShamayi noIshbha. UIshba lo ngukhokho weZanowa. UMerede wathatha iqadi kwindlu yakwaJuda, lazala uJerede ukhokho weGedore, noHebhere ukhokho weSoko, noYekutiyeli ukhokho weZanowa.
19. UHodiya wathatha udade boNaham, ukhokho weKehila. Oonyana bakhe nguGarmi noEshtemowa waseMahaka.
20. Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.
21. Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,
22. noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.
23. Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.
24. Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.
25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.
26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.
27. UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda.
28. Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali,
29. naseBhileha, nase-Ezem, naseToladi,