1 Yeziganeko 3:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.

10. Unyana kaSolomon nguRewobhowam; unyana kaRewobhowam nguAbhiya; unyana ka-Abhiya nguAsa; unyana ka-Asa nguYoshafati;

11. unyana kaYoshafati nguYoram; unyana kaYoram nguAhaziya; unyana ka-Ahaziya nguYowashe;

12. unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam;

13. unyana kaYotam nguAhazi; unyana ka-Ahazi nguHezekiya; unyana kaHezekiya nguManase;

14. unyana kaManase nguAmon; unyana ka-Amon nguYosiya.

15. Oonyana abane bakaYosiya ngokuzana kwabo nguYohanan, uJoyakim, uZedekiya, noShalum.

16. Abangene ezihlangwini zikaJoyakim ngunyana wakhe uJoyakin yaza yaba nguZedekiya.

17. Nantsi inzala kaJoyakin owathinjwayo: Oonyana bakaJoyakin nguShelatiyeli,

18. noMalkiram, noPedaya, noShenazare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19. Oonyana bakaPedaya nguZerubhabheli noShimeyi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benodade wabo uShelomiti,

1 Yeziganeko 3