1 Yeziganeko 3:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla.

4. Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem

5. apho wazala oonyana abaninzi khona. Umkakhe uBhashebha intombi ka-Amiyeli wazala uShimeya, noShobhabhi, noNatan, noSolomon.

6. Abanye nguIbhare, uElishuwa, uElifelete,

7. uNoga, uNifege, uYafiya,

8. uElishama, uEliyada, noElifelete, belithoba bebonke.

9. Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.

10. Unyana kaSolomon nguRewobhowam; unyana kaRewobhowam nguAbhiya; unyana ka-Abhiya nguAsa; unyana ka-Asa nguYoshafati;

11. unyana kaYoshafati nguYoram; unyana kaYoram nguAhaziya; unyana ka-Ahaziya nguYowashe;

12. unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam;

1 Yeziganeko 3