1 Yeziganeko 3:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam;

13. unyana kaYotam nguAhazi; unyana ka-Ahazi nguHezekiya; unyana kaHezekiya nguManase;

14. unyana kaManase nguAmon; unyana ka-Amon nguYosiya.

15. Oonyana abane bakaYosiya ngokuzana kwabo nguYohanan, uJoyakim, uZedekiya, noShalum.

16. Abangene ezihlangwini zikaJoyakim ngunyana wakhe uJoyakin yaza yaba nguZedekiya.

17. Nantsi inzala kaJoyakin owathinjwayo: Oonyana bakaJoyakin nguShelatiyeli,

18. noMalkiram, noPedaya, noShenazare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19. Oonyana bakaPedaya nguZerubhabheli noShimeyi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benodade wabo uShelomiti,

20. kwakunye nesinye isihlanu soonyana: uHashubha, uOheli, uBherekiya, uHasadiya, noYushabhi-rhesedi.

21. Oonyana bakaHananiya nguPelatiya noJesaya; ewe, noonyana bakaRefaya, nabaka-Arnana, nabakaObhadiya, nabakaShekaniya.

22. Oonyana bakaShekaniya nguShemaya noonyana bakhe: uHatushe, uIgali, uBhariya, uNeyariya, noShafati, bebathandathu bebonke.

1 Yeziganeko 3