1 Yeziganeko 3:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Naba oonyana abathandathu bakaDavide abazalelwa eHebron ngokuzana kwabo: uAmnon onina inguAhinowam waseYizereli; uDaniyeli onina inguAbhigeli waseKarmele;

2. uAbhasalom ozalwa nguMahaka, intombi kaTalmayi ukumkani waseGeshuri; uAdoniya ozalwa nguHagiti;

3. uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla.

4. Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem

5. apho wazala oonyana abaninzi khona. Umkakhe uBhashebha intombi ka-Amiyeli wazala uShimeya, noShobhabhi, noNatan, noSolomon.

6. Abanye nguIbhare, uElishuwa, uElifelete,

7. uNoga, uNifege, uYafiya,

8. uElishama, uEliyada, noElifelete, belithoba bebonke.

9. Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.

1 Yeziganeko 3