1 Yeziganeko 23:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.

5. Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”

6. UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.

7. Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi.

8. Oonyana bakaLadan bathathu: nguYehiyeli owamazibulo, ibe nguZetam noJoweli.

9. Oonyana bakaShimeyi nabo bathathu: nguShelimoti, noHaziyeli, noHaran. Zizo ezo ke iinkulu zezindlu zakwaLadan.

12. Oonyana bakaKohati bane: nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.

13. Oonyana baka-Amram nguAron noMosis. UAron nenzala yakhe bachongwa ukuba bagcine izinto ezingcwele zonqulo, bamkhonze uNdikhoyo, bemenzela iziqhumiso, besikelela abantu egameni lakhe kude kube ngunaphakade.

14. Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.

15. Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere.

1 Yeziganeko 23