30. Ngazo zonke iintsasa kwakufuneka beme babulele badumise uNdikhoyo; nasemalanga ke kwakufuneka benze kwaloo nto.
31. Ukanti nanini na kusenzelwa uNdikhoyo amadini atshiswayo *ngeMihla yokuPhumla nangemibhiyozo yokuthwasa kwenyanga, nangawo onke amatheko amisiweyo. Kwakufuneka bahlale belungiselela uNdikhoyo ngamathuba amisiweyo, naloo nto ke beyenza ngendlela emisiweyo.
32. Ngoko ke abaLevi abo bawuqhuba umsebenzi wabo apho esibingelelweni nakwindawo engcwele, bephantsi kwabantakwabo abayinzala ka-Aron, belungiselela apho endlwini kaNdikhoyo.