17. Ngoko ke uDavide waziyalela zonke iinkokheli zakwaSirayeli ukuze zincedisane naye unyana wakhe uSolomon.
18. Wathi kuzo: “Andithi na kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unani? Ewe kambe, unithe jize ngenzolo ngeenxa zonke! Kaloku uzinikele esandleni sam zonke iintlanga ezingabemi beli lizwe. Eli lizwe ke ngoko lelikaNdikhoyo nabantu bakhe.
19. Ngoko ke zinikezeleni ngomxhelo wenu wonke kuNdikhoyo uThixo wenu. Qalisani ukuyakha indlu kaNdikhoyo uThixo, ukuze nibe nako ukuyingenisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo kunye nezinto ezingcwele zikaThixo, zonke nizifake kuloo ndlu iza kwakhelwa igama likaNdikhoyo.”