1 Yeziganeko 21:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli, kwaza kwafa amadoda angamashumi asixhenxe amawaka.

15. UThixo wathumela isithunywa sakhe ukuze sitshabalalise iJerusalem, kodwa ke sithe sisawenza loo msebenzi, uNdikhoyo wathi akuyibona loo ntlekele suka wazijika iimbono zakhe, wasinqanda ukuze singabatshabalalisi abantu, wathi: “Kwanele, sirhoxise isandla sakho!” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa eso sasimi ngasesandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

16. Wathi akukhangela uDavide wasibona isithunywa sikaNdikhoyo, simi phakathi kwezulu nomhlaba, siphethe ikrele ngesandla, silijongise eJerusalem. Ke uDavide namadoda amakhulu banxiba ezirhwexayo, bakhahlela bawa emhlabeni.

17. UDavide wathi kuThixo: “Indim nje othe makabalwe amadoda omkhosi! Ewe kaloku, ndim owonileyo ndenza okugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Hayi, Ndikhoyo, Thixo wam, isandla sakho masohlwaye mna kunye nomzi kabawo; ke yena lo bhubhani sukumyeka abatshabalalise abantu bakho.”

1 Yeziganeko 21