1 Yeziganeko 2:51-55 Ibhayibhile (XHO96)

51. Ubuye wazala uSalma ukhokho weBhetelehem, waza wazala noHarete ukhokho weBhete-gadere.

52. Inzala kaShobhali, ukhokho weKiriyati-yarim, ngabantu baseHarowe necandelo labantu baseManati,

53. kwakunye nezindlu zaseKiriyati-yarim ezingamaItri, amaPuti, amaShumati, namaMisherayi. Aphuma apha amaZorati namaEshtawoli.

54. Inzala kaSalma ngabantu baseBhetelehem, nabaseNetofa, nabaseAteroti-bhete-jowabhi, nelinye icandelo labantu baseManati amaZori.

55. Ukwangukhokho wezindlu zababhali ababehlala eYabheze: amaTira, amaShimeya, namaSuka. La ngamaKeni ayinzala kaHamati ukhokho weBhete-rekabhi.

1 Yeziganeko 2