1 Yeziganeko 2:37-49 Ibhayibhile (XHO96)

37. uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi,

38. uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya,

39. uAzariya wazala uHeleze, uHeleze wazala uElasa,

40. uElasa wazala uSisamayi, uSisamayi wazala uShalum,

41. uShalum wazala uYekamiya, uYekamiya wazala uElishama.

42. Amazibulo kaKalebhi, umntakwabo-Jerameli, nguMesa. UMesa wazala uZifi, uZifi wazala uMaresha, ukhokho weHebron.

43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44. UShema wazala uRaham, uyise kaYokeham. URekem yena wazala uShamayi.

45. UShamayi wazala uMahon, ukhokho weBhete-zure.

46. UKalebhi wayeneqadi elinguHefa elazala uHaran, noMoza, noGazeze. UHaran wazala uGazeze.(

47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noJotam, noGeshan, noPelete, noHefa, noShahafe.)

48. UKalebhi wayenelinye iqadi elinguMahaka elazala uShebhere noTirana.

49. Liphinde lazala uShahafe, ukhokho weMademana, noSheva, ukhokho weMakebhena neGibheya. Intombi kaKalebhi nguAkesa.

1 Yeziganeko 2