1 Yeziganeko 2:35-50 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ke uSheshan wendisela intombi yakhe kwisicaka sakhe uYar-ha yaza yazala uAtayi.

36. UAtayi wazala uNatan, uNatan wazala uZabhadi,

37. uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi,

38. uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya,

39. uAzariya wazala uHeleze, uHeleze wazala uElasa,

40. uElasa wazala uSisamayi, uSisamayi wazala uShalum,

41. uShalum wazala uYekamiya, uYekamiya wazala uElishama.

42. Amazibulo kaKalebhi, umntakwabo-Jerameli, nguMesa. UMesa wazala uZifi, uZifi wazala uMaresha, ukhokho weHebron.

43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44. UShema wazala uRaham, uyise kaYokeham. URekem yena wazala uShamayi.

45. UShamayi wazala uMahon, ukhokho weBhete-zure.

46. UKalebhi wayeneqadi elinguHefa elazala uHaran, noMoza, noGazeze. UHaran wazala uGazeze.(

47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noJotam, noGeshan, noPelete, noHefa, noShahafe.)

48. UKalebhi wayenelinye iqadi elinguMahaka elazala uShebhere noTirana.

49. Liphinde lazala uShahafe, ukhokho weMademana, noSheva, ukhokho weMakebhena neGibheya. Intombi kaKalebhi nguAkesa.

50. Naba balandelayo bakwayinzala kaKalebhi:Oonyana bakaYuri, amazibulo kaEfrata, nguShobhali ukhokho weKiriyati-yarim.

1 Yeziganeko 2