29. Umka-Abhishure nguAbhihayili owazala uAbhan noMolidi.
30. Oonyana bakaNadabhi nguSelede noApayim. USelede wafa engenamntwana.
31. Unyana ka-Apayim nguIshi, uyise kaSheshan owazala uAlayi.
32. Oonyana bakaYada, umntakwabo-Shamayi, nguYetere noJonatan. UYetere wafa engenamntwana.
33. Oonyana bakaJonatan nguPelete noZaza. Bonke aba ke yinzala kaJerameli.
34. USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. Ebenesicaka esingumJiputa esigama linguYar-ha.
35. Ke uSheshan wendisela intombi yakhe kwisicaka sakhe uYar-ha yaza yazala uAtayi.
36. UAtayi wazala uNatan, uNatan wazala uZabhadi,
37. uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi,
38. uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya,
39. uAzariya wazala uHeleze, uHeleze wazala uElasa,
40. uElasa wazala uSisamayi, uSisamayi wazala uShalum,
41. uShalum wazala uYekamiya, uYekamiya wazala uElishama.
42. Amazibulo kaKalebhi, umntakwabo-Jerameli, nguMesa. UMesa wazala uZifi, uZifi wazala uMaresha, ukhokho weHebron.
43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.
44. UShema wazala uRaham, uyise kaYokeham. URekem yena wazala uShamayi.