22. USegubhi wazala uJayire owayenemizi engamashumi amabini anantathu ezweni laseGiliyadi.
23. Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.
24. Emva kokusweleka kukaHezeron eKalebhi yase-Efrata, umka-Hezeron uAbhiya wamzalela uAshure ukhokho weTekowa.
25. Oonyana bakaJerameli, amazibulo kaHezeron, nguRam owamazibulo, noBhuna, no-Oren, no-Ozem, noAhiya.
26. UJerameli ebenomnye umfazi ogama linguAtara, owayengunina kaOnam.