10. URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda.
11. UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi,
12. uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.
13. Naba oonyana abasixhenxe bakaJese ngokuzana kwabo: uEliyabhi, uAbhinadabhi, uShimeha,
14. uNataniyeli, uRadayi,
15. uOzem, noDavide.
16. Oodade babo yayinguZeruya noAbhigeli. UZeruya wayenoonyana abathathu: uAbhishayi, uJowabhi, noAsayeli.
17. UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.
18. Unyana kaHezeron uKalebhi wazalelwa intombi enguJerihoti ngumkakhe uAzubha, waza wazala oonyana abanguYeshere, noShobhabhi, noArdon.
19. Akusweleka uAzubha uKalebhi wathatha uEfrati owazala uYuri.
20. UYuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhezaleli.
21. Emva koko, xa uHezeron wayeminyaka imashumi mathandathu, wathatha intombi kaMakire uyise kaGiliyadi, eyamzalela uSegubhi.
22. USegubhi wazala uJayire owayenemizi engamashumi amabini anantathu ezweni laseGiliyadi.