10. URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda.
11. UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi,
12. uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.
13. Naba oonyana abasixhenxe bakaJese ngokuzana kwabo: uEliyabhi, uAbhinadabhi, uShimeha,
14. uNataniyeli, uRadayi,
15. uOzem, noDavide.
16. Oodade babo yayinguZeruya noAbhigeli. UZeruya wayenoonyana abathathu: uAbhishayi, uJowabhi, noAsayeli.
17. UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.