22. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise *abashumayeli bam.”
23. Mombeleleni uNdikhoyo, hlabathi lonke,zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
24. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
25. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu.Ufanelwe kukoyikwa ngaphezu kwezithixo zonke,
26. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
27. Yena unesihomo nesithozela;kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.
28. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
29. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.
30. Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
31. Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.
32. Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.