1 Yeziganeko 16:18-29 Ibhayibhile (XHO96)

18. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo esililifa lakho.”

19. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

20. Babebhadula kumazwe ngamazwe,besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

21. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

22. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise *abashumayeli bam.”

23. Mombeleleni uNdikhoyo, hlabathi lonke,zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.

24. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

25. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu.Ufanelwe kukoyikwa ngaphezu kwezithixo zonke,

26. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

27. Yena unesihomo nesithozela;kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.

28. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.

29. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.

1 Yeziganeko 16