17. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,
18. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo esililifa lakho.”
19. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
20. Babebhadula kumazwe ngamazwe,besuka kolunye ulawulo baye kolunye.
21. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.
22. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise *abashumayeli bam.”
23. Mombeleleni uNdikhoyo, hlabathi lonke,zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
24. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
25. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu.Ufanelwe kukoyikwa ngaphezu kwezithixo zonke,
26. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.