16. Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.
17. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,
18. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo esililifa lakho.”
19. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
20. Babebhadula kumazwe ngamazwe,besuka kolunye ulawulo baye kolunye.
21. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.