1. Bahamba nayo ityesi kaThixo, bayibeka ngaphakathi kwintente eyenzelwe yona nguDavide, baza ke benzela uThixo amadini atshiswayo nawobudlelwane.
2. Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo.
3. Kamva ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka nesuntswana leedatile neleerasentyisi.
4. Wamisela abaLevi abathile ukuze balungiselele phambi koNdikhoyo, benze izikhungo, imibulelo, neendumiso zokubonga uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
5. Babekhokelwa nguAsafu, isekela inguZakariya, kulandela uYehiyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, uMatitiya, uEliyabhi, uBhenaya, uObhedi-edom, noYehiyeli. Babeza kukhalisa imirhubhe neehapu, uAsafu abethe amacangci,
6. ababingeleli uBhenaya noYaziyeli bona bavuthele amaxilongo njalo-njalo apho phambi kwetyesi yomnqophiso kaThixo.
7. Ngaloo mini ke uDavide wanikela lo mhobe wokubulela *uNdikhoyo kuAsafu namahlakani akhe:
8. Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
9. Mombeleleni, mbongeni,zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!
10. Qhayisani ngegama lakhe elilodwa;mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!
11. Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.
12. Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimiselo ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo.
13. Nina niyinzala yesicaka sakhe uSirayeli,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.