1 Yeziganeko 15:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona.

4. Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:

5. Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;

6. abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;

7. abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;

8. abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;

9. abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;

10. abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.

11. UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi.

12. Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona.

1 Yeziganeko 15