17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,
18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.
19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.
20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,
21. kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi.
22. UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.
23. UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
24. Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
25. Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili
26. ngenxa yokuba uThixo ebancedile abaLevi ababethwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwenziwa umbingelelo ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.
27. Ke uDavide nabaLevi ababethwele ityesi, ngokunjalo neemvumi kunye noKenaniya owayengumphathi-kwayala, bonke babethe wambu iminweba yelinen entle kunene. Kananjalo ke uDavide wayefake *nesidanga esenziwe ngelinen.