1 Yeziganeko 13:2 Ibhayibhile (XHO96)

Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi.

1 Yeziganeko 13

1 Yeziganeko 13:1-10