21. UDavide amnceda kumabutho ahlaselayo. Kaloku onke ayengoompondo-zihlanjiwe, eziingqwayi-ngqwayi emkhosini wakhe.
22. Amadoda aphikela ukuwelela kuDavide mihla le, wada ke wanomkhosikazi owomeleleyo.
23. La ngamanani amadoda omkhosi awazibandakanya noDavide eHebron, ukuze umbuso kaSawule awubhukuqe uwele kuDavide ngokomlomo *kaNdikhoyo:
24. awakwaJuda, iinto eziqule zaligangatha, zixhobe ngomkhonto nekhaka, yayingamawaka amathandathu namakhulu asibhozo;
25. awakwaSimon, iinto eziqule zaligangatha, zilindele umayenzeke, yayingamawaka asixhenxe nekhulu;
26. awakwaLevi, ingamawaka amane namakhulu amathandathu,
27. ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,
28. noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
29. awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;
30. awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;
31. awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;
32. awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;