1 Yeziganeko 10:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.

2. AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.

3. Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamchana, bamngxwelerha.

4. Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wenjenje: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.

1 Yeziganeko 10