1 Yeziganeko 1:5-17 Ibhayibhile (XHO96)

5. Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noJavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

6. Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.

7. Oonyana bakaJavan: nguElisha, noTashishe, namaKiti, namaRoda.

8. Naba oonyana bakaHam: nguKushe, noMizerayim, noPuti, noKanana.

9. Oonyana bakaKushe nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

10. Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni.

11. Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

12. namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto.

13. UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti,

14. kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

15. namaHivi, nama-Areki, namaSini,

16. nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.

17. Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUzu, noHuli, noGetere, noMesheki.

1 Yeziganeko 1