35. Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRuweli, noJewushe, noJalam, noKora.
36. Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Oma, noZefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.
37. Oonyana bakaRuweli nguNahati, noZera, noShama, noMiza.
38. Oonyana bakaSeyire nguLotan, noShobhali, noZibheyon, noAna, noDishon, noEzere, noDishan.
39. Oonyana bakaLotan nguHori noHomam. Udade boLotan nguTimna.
40. Oonyana bakaShobhali nguAliyana, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaZibheyon nguAya noAna.
41. Unyana ka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan, noItran, noKeran.
42. Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.
43. Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.
44. Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera.
45. Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman.