1 Yeziganeko 1:1-19 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAdam wazala uSeti, uSeti wazala uEnoshe,

2. uEnoshe wazala uKenan, uKenan wazala uMahalaleli, uMahalaleli wazala uJerede,

3. uJerede wazala uInoki, uInoki wazala uMethusela, uMethusela wazala uLameki, uLameki wazala uNowa.

4. Ke uNowa wazala uShem noHam noYafete.

5. Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noJavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

6. Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.

7. Oonyana bakaJavan: nguElisha, noTashishe, namaKiti, namaRoda.

8. Naba oonyana bakaHam: nguKushe, noMizerayim, noPuti, noKanana.

9. Oonyana bakaKushe nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

10. Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni.

11. Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

12. namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto.

13. UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti,

14. kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

15. namaHivi, nama-Areki, namaSini,

16. nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.

17. Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUzu, noHuli, noGetere, noMesheki.

18. UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uHebhere.

19. UHebhere wayenoonyana ababini. Inkulu yabizwa ngokuba nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahluka-hlukana abemi bomhlaba. Yona inci yayinguJoketan.

1 Yeziganeko 1