1 Kwabasetesalonika 4:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi.

2. Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu.

3. UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya.

1 Kwabasetesalonika 4