1 Kwabasekorinte 9:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Lakha lakho phi ijoni elizihlawulela ngokwalo iindleko zalo emkhosini? Mlimi wuphi olima ajike angasityi isivuno? Nguwuphi umalusi ongazityiyo izapholo?

8. Ngaba ilungelo lam lokuba ngumthunywa lixhomekeke kule mizekeliso iqhelekileyo kuphela, okanye ngaba *nomthetho kaMosis uthetha kwaloo nto nawo?

9. Ewe, kaloku umthetho uthi: “Musa ukuyifaka isicheme inkabi ibhula.” Ke ngaba ziinkabi zeenkomo zodwa na ezi axela zona uThixo?

10. Ngaba asiqukwa na nathi? Ngokuphandle âbhalelwa thina la mazwi. Kaloku umlimi ulima ngethemba, nalowo ubhulayo ubhula ngethemba lokuba nesabelo.

11. Sahlwayela imbewu kaMoya phakathi kwenu. Nimangaliswa yintoni ke sakulindela inkxaso kuni?

12. Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu.

13. Anazi na ukuba abo basebenza *endlwini kaThixo baphila kwayiyo, baze abo benza amadini eqongeni lamadini bafumane isabelo kuloo madini?

14. Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.

15. Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.

16. Nokuba ndiyashumayela, andinalungelo lakuqhayisa ngaloo nto. Kaloku ndithunywe ukushumayela. Ngoko ke kungayinto embi gqitha xa ndingazishumayeli iindaba ezimnandi.

17. Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze.

18. Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.

19. Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.

20. Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.

1 Kwabasekorinte 9