1 Kwabasekorinte 9:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndiqinisekile nokuba abanye bathi andingomthunywa, ndinguye kuni. Kaloku ukumanyana kwenu neNkosi ngumqondiso wokuba ndithunywe yiyo.

3. Ke ukuziphendulela kwabo bandigxekayo ndenjenje:

4. Ngaba andinalo mna ilungelo lokuba nditye ndisele?

5. Ngaba andinalo mna ilungelo njengabanye abathunywa, abantakwabeNkosi, noPetros, lokuba ndibe nenkosikazi engumKrestu, ndijikeleze nayo?

6. Okanye makube kuphela ndim noBharnabha ekufuneka sitye ukubila kwethu?

7. Lakha lakho phi ijoni elizihlawulela ngokwalo iindleko zalo emkhosini? Mlimi wuphi olima ajike angasityi isivuno? Nguwuphi umalusi ongazityiyo izapholo?

8. Ngaba ilungelo lam lokuba ngumthunywa lixhomekeke kule mizekeliso iqhelekileyo kuphela, okanye ngaba *nomthetho kaMosis uthetha kwaloo nto nawo?

9. Ewe, kaloku umthetho uthi: “Musa ukuyifaka isicheme inkabi ibhula.” Ke ngaba ziinkabi zeenkomo zodwa na ezi axela zona uThixo?

10. Ngaba asiqukwa na nathi? Ngokuphandle âbhalelwa thina la mazwi. Kaloku umlimi ulima ngethemba, nalowo ubhulayo ubhula ngethemba lokuba nesabelo.

11. Sahlwayela imbewu kaMoya phakathi kwenu. Nimangaliswa yintoni ke sakulindela inkxaso kuni?

12. Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu.

13. Anazi na ukuba abo basebenza *endlwini kaThixo baphila kwayiyo, baze abo benza amadini eqongeni lamadini bafumane isabelo kuloo madini?

14. Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.

15. Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.

1 Kwabasekorinte 9