12. Ukuba abanye banelungelo lokulindela iziqhamo ezinjalo kuni, alingaphezulu na ke elethu ilungelo? Ke thina asenzanga nto ngeli lungelo. Koko sisuke sanyamezela nayiphi na imeko endaweni yokuba sibe yimiqobo ethintela ukuhanjiswa kweendaba ezimnandi ezingoKrestu.
13. Anazi na ukuba abo basebenza *endlwini kaThixo baphila kwayiyo, baze abo benza amadini eqongeni lamadini bafumane isabelo kuloo madini?
14. Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.
15. Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.
16. Nokuba ndiyashumayela, andinalungelo lakuqhayisa ngaloo nto. Kaloku ndithunywe ukushumayela. Ngoko ke kungayinto embi gqitha xa ndingazishumayeli iindaba ezimnandi.
17. Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze.
18. Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.
19. Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.
20. Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nĂ¢bo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.
21. Kwangaloo ndlela, xa ndiphakathi kweentlanga ezingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha njengazo. Le nto ke ayithethi kuthi andiwuthobeli umthetho kaThixo, kuba eneneni ndiphantsi komthetho kaKrestu.
22. Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.
23. Le nto xa iyonke ndiyenza ngenxa yeendaba ezimnandi, khon' ukuze ndibe nenxaxheba kwiintsikelelo ezifumaneka ngenxa yazo.
24. Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa.
25. Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.