9. Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni.
10. Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo?
11. Ngaloo ndlela ke umwenu ongekakhululeki ncam, owafelwa nguKrestu, wotshabalala ngenxa “yolwazi” lwakho olo.