1. Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha.
2. Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo.
3. Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.
4. Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi.
5. Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke,
6. kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.