1 Kwabasekorinte 7:29-40 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo;

30. abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto;

31. abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.

32. Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekanga ukhuthalele izinto zeNkosi, kuba ezimisele ukuyikholisa iNkosi.

33. Ozekileyo yena ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa umkakhe,

34. abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.

35. Le nto ndiyithetha ngeenjongo zokuba nilungelwe, ndingajonge kunirhintyela. Ndiyithethela ukuze niyikhonze kakuhle iNkosi ningaphazanyiswa.

36. Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto.

37. Kambe ke ozimiseleyo entliziyweni yakhe, engòyiswa kukutshiseka, enamandla okuzeyisa, kananjalo esenzile isigqibo entliziyweni yakhe sokuba angàtshati, uyalungisa ukwenjenjalo.

38. Ngoko ke otshatayo uyalungisa, kodwa lowo ungatshatiyo ulungisa ngokukodwa.

39. Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilayo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ibhubhile, ukhululekile; angatshata nendoda ayithandayo, kodwa ibe yekholwe eNkosini.

40. Noko ke uya konwaba ngakumbi ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo. Kokwam ukubona ke oko, kanti nam ndiba ndinaye uMoya kaThixo.

1 Kwabasekorinte 7