1 Kwabasekorinte 7:12-29 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye.

13. Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo.

14. Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo.

15. Kodwa ke ukuba lowo ungelokholwa uyahlukana nalowo ukholwayo, makayekwe. Xa kunjalo indoda leyo ikholwayo nokuba ngumfazi akabotshelelwanga. Kaloku uThixo wasibizela ukuhlala ngoxolo.

16. Kanene wazi ngani na, wena mfazi, ukuba akuyi kuyisindisa indoda yakho? Wena ndoda, wazi ngani na ukuba akuyi kumsindisa umfazi wakho?

17. Elowo makahlale ekwimeko ayiphiwe yiNkosi, imeko awabizwa nguThixo ekuyo. Nantso ke into endiyifundisayo kuwo onke amabandla.

18. Ukuba ubani uthe wabizwa engowalukileyo *ngokomthetho kaMosis, makangazenzi ongalukanga. Ukuba ubani uthe wabizwa engalukanga, makangaluki.

19. Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto, eyona nto kukugcina imiyalelo kaThixo.

20. Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo.

21. Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka.

22. Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu.

23. UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.

24. Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.

25. Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:

26. Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo.

27. Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi.

28. Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.

29. Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo;

1 Kwabasekorinte 7